Ujoweli 2 XHO96

Umkhosi weenkumbi

1 Hlokomisan' ixilongo eZiyon;hlaban' umkhosi kwintaba yam engcwele.Mabankwantye bonke abemi beli lizwe.Kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango;ayifikanga, koko igalelekile.

2 Ngumhla othi thsu, imini yesithokothoko;lusuku olurhuqis' amafu, nditsho amafu amnyama,imini enjengongcwalazi phezu kwentaba.Nank' umkhosi omkhulu owomeleleyo!Nowamanyange awuzange ube nje;nowezizukulwana awusoze ube njalo.

3 Phambi kwawo kulenyez' umlilo;ngasemva kudangazel' idangatye.Phambili phaya umhlaba ngathi ngumyezo we-Eden,kodwa emkhondweni wawo yinkangala.Ubetha kungasindi nto konke-konke.

4 Mbonakalo yawo ngathi ngamahashe;ewe, uphala oku kwawomkhosi.

5 Nanko utsiba-tsiba ezintabeni.Yingxokolo engathi kukugaxaza kweenqwelo zokulwa,ngathi kukunqanqaza komququ otshiswa ngumlilo.Unqwa nomkhosi oqulele imfazwe.

6 Ewe, wona nguvela-barhwaqele;phambi kwawo ubuso bezizwe buyambatsha.

7 Uhlasela okwamagorha;ugwencel' iindonga okwamajoni;ungqala phambili ungajika-jiki.

8 Ewe, awugxalathelani, uhlala uthe mbo;nokuba sewubulawa loo nto ayiwuthibazi.

9 Usuka uphoseke phakath' esixekweni,uqakathe phezu kwezo ndonga.Usuka utsho phakathi ezindlwininangeefestile ngathi ngamasela.

10 Wakuvela suka kunyikim' umhlaba;ke sona isibhakabhaka singcangcazele,ilanga nenyanga zijike zibe mnyama,ke zona iinkwenkwezi zitsho zifiphale.

11 UNdikhoyo uzongomisa ngelo lizwi,endolosa phambi komkhosi wakhe.Awakhe amabutho yinkungu nelanga;ewe, yena uthotyelwa ngamagorha.Hay' ubukhulu bemini kaNdikhoyo!Awu, hay' ukoyikeka kwayo!Yaz'ba ngubani na onokumelana nayo?

Guqukani

12 Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,yena uthi: “Qalisani kwangoku.Buyelani kum ngamxhelo mnyengokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”

13 Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;kaloku yena unesisa kwanemfobe,uza kade umsindo,yimvuze-mvuze ngobubele;ewe, unebuyambo, akananqala.

14 Ngubani ke owaziyo?Noko mhlawumbi angabuya asivele,asithululele iintsikelelo –umnikelo weenkozo kunye nothululwayouziswe kuNdikhoyo uThixo wakho.

15 Khanihlokomise ixilongo eZiyon.Bhengezani umhla owodwa wokuzila;ewe, qokelelan' ibandla ibe yimbizo.

16 Bahlanganiseni abantu,niyihlambulule loo ntlangano.Waqokeleleni amadoda amakhulu;kananjalo qokelelani nabantwana,nize naye nalowo usebeleni.Nomyeni makalishiye igumbi lakhe,aze nomtshakazi aphume entangeni.

17 Ababingeleli abalungiselela kwaNdikhoyo mabantywizise;ewe, mabalile phakathi kwegumbi lokungena neqonga,bathi: “Khawube nebuyambo, Ndikhoyo!Abantu abalilifa lakho mabangabi sisigculelo.Mabangabi ngundaba-mlonyeni wezizwe.Abantu mabangathethi ngabo besithi:‘Ud' abe phi na lo Thixo wabo?’ ”

Ibuyambo

18 *UNdikhoyo woba nekhwele ngelizwe lakhe,abenzele inceba abantu bakhe.

19 UNdikhoyo wobaphendula athi:“Ewe, ndiza kuninika ingqolowa,newayini entsha, namafutha omnquma.Ngenene niya kutya nihluthe,ndingaze ndiphinde ndinenze intlekisa phakathi kwezizwe.

20 Ndosigxotha isibetho esivela ngasentla,ndisidudulele kwinkangala yentlango.Amabutho aphambili ndiwase kulwandle lwasempuma,asemva wona ndiwase kolwasentshonalanga.Hayi ke ukubopha kwevumba lazo!Kuba kambe iziphakamisile ngokwenza izinto ezinkulu.

21 Musa ukoyika, mhlabandini;ewe, yiba nemihlali wonwabengenxa yemisebenzi emikhulu ayenzayo uNdikhoyo.

22 Sanukoyika nani, zilwanyana zasendle.Kaloku amadlelo asentlango ayahluma,imithi nayo ithwala iziqhamo zayo,ngokunjalo umkhiwane nomdiliya uyavuza zizo.

23 Vuyani nani, bemi baseZiyon.Yonwabani kuNdikhoyo uThixo wenu,kuba uninike ngobulungisa imvula yasekwindla,wanithululela izandyondyo zomvimbi ekwindla nasentlakohlaza,natsho nadla ngendeb' endala.

24 Izanda ziya kuzala yingqolowa,iifatyi ziphuphume yiwayini entsha namafutha omnquma.

25 Mna ndiya kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka yeenkumbi –nditsho umkhothululi, nomqikela, nomnqunquthi,loo mkhosi wam omkhulu ndanithumela ngawo.

26 Niya kutya nizibethe zibe bomvu,nitsho nilidumise igama likaNdikhoyo uThixo wenuonenzele imimangaliso engaka.Soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.

27 Niya kuqonda ukuba ndinaye uSirayeli,nazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wenu,niqonde ukuba akukho wumbi.Ewe, soze baphinde badeleke abantu bam nanini na.”

Imini kaNdikhoyo

28 “Kothi ke emva koko ndithulule uMoya wam kulo lonke uluntu,bashumayele oonyana neentombi zenu,amaxhego aphuphe amaphupha,abafana babone imibono.

29 Ewe, nezicaka nezicakazanandiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla.

30 Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni nasemhlabeni,kube ligazi, umlilo, nentshinyela yomsi.

31 Ilanga liya kujika libe bubumnyama,inyanga ibe bomvu njengegazi,phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu woyikekayo kaNdikhoyo.

32 Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa,kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa,njengoko atshiloyo uNdikhoyo –nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”

kwizahluko

1 2 3