6 AbakwaJuda nabaseJerusalem nithengise ngabo kumaGrike, nabasa kude lé kwelakowabo.
7 Ngoku ke ndiza kubaphuthuma kwezo ndawo wabathengisa kuzo, ndiphindise ngenxa yezinto owazenza kubo.
8 Oonyana neentombi zenu ndobathengisa kumaJuda; aze wona abathengise kwisizwe esikude, amaShebha.” Lawo ke ngamazwi kaNdikhoyo.
9 Le nto yivakaliseni ezizweni.Ndithi hlaban' umkhosi.Ewe, waxhokonkxeni amajoni.Onke amadoda emfazwe makasondele ahlasele.
10 Amakhuba wajikeni abe ngamakrele,izitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto.Negwala malithi: “Ndilikroti.”
11 Phuthumani, yizani nonke, zizwe ezijikelezileyo;yizani niqokelelane apho.Thoba umkhosi wakho, Ndikhoyo.
12 “Ke zona izizwe mazishukunyiswezingene kwintili kaJoshafati.Oko kukuthi “kwiNtili yokuGweba kukaNdikhoyo”Ke mna ndohlala khona,ndizigwebe iintlanga ezijikelezileyo.