Uncuthu Lwengoma 2 XHO96

1 Ndiyintyatyambo yaseSharon,inyibiba yasentilini.

Umyeni

2 Njengenyibiba phakathi kwamevasinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.

Umtshakazi

3 Njengomthi weeapile ehlathinisinjalo isithandwa sam phakathi kwabafana.Akwaba bendingahlala emthunzini wawo;azimnandi ngako iziqhamo zawo!

4 Wandingenisa endlwini yombhiyozo,wandiphakamisela intshinga yothando.

5 Ndomeleze ngesixa seerasentyisi,kananjalo undihlaziye ngeeapile.Kaloku ndiyafa luthando.

6 Isandla sakhe sasekhohlo sixhasa intloko yam,esokunene sona siyandiwola.

7 Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisangamabhadikazi namanxalakazi asendle:Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

8 Khanive, sisithandwa sam eso!Awu, naso ke sisiza:siza siqakatha ezintabeni;siyatsiba-tsiba ezindulini phaya.

9 Isithandwa sam ngathi linxala,sona sinjengetakane lebhadi.Naso simi emva kodonga lwakowethu,silolonga efestileni,sinyondla, sikroba emkhusaneni.

10 Isithandwa sam sibhekisa kum, sisithi:“Vuka kaloku, sithandwa sam.Awu, uyinzwakazi ke khona!Yiza kaloku, masihambe.

11 Kaloku bona ubusika budlule,kananjalo neemvula zigqithile.

12 Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;ligalelekile ixesha lokuntyiloza.Nâlo ihobe lidumzela;ewe, liyavakala kweli lakowethu.

13 Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.Phakama uze, sithandwa.Ewe, nzwakazi yam,yiza kaloku, masihambe!”

Umyeni

14 Uyintw' engathi lihotyazanalithe nca ezimfanteni zamawa;nditsho elizimela ezintabeni.Vela kaloku ndikubone,ukuze ndive nelo lizwi;nditsho elo liyole kunene.Ubuso bakho buthi ndijonge!

15 Khawusibambele ezo mpungutye;ewe, iimpungutyana ezincinci,kuba ziyazonakalisa izidiliya,kanti izidiliya zethu zityatyambile.

Umtshakazi

16 Isithandwa sam sesam,kanti nam ngokwam ndingowaso.Sona salusa phakathi kweenyibiba.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8