Uncuthu Lwengoma 8 XHO96

1 Akwaba ubungumnakwethu,nditsho owancanca kumama.Bendiya kukuncamisa naphandle phaya,ndize ndingagxekeki noko.

2 Bendiya kukukhokelandikuse endlwini kamama,yena wandifundisayo,ndikuseze iwayini edidiyelwe ngezinongonencindi yeerharnati zam.

3 Isandla sakho sasekhohlo besiya kuxhasa intloko yam,esokunene sona sindiwole.

4 Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

Abatheleli

5 Ngubani lo uvela ngasentlango,uqhogene nesithandwa sakhe?Ndakuvusa phantsi kom-apile,apho wakhawulwa khona ngunozala wakho,apho waba nenimba khona owakuzalayo.

Umtshakazi

6 Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.Ludangazela ngathi lidangatye,luvuthe ngathi ngumlilokazi.

7 Alungecinywa nangamanzi;alukhukuliseki naziimpuphuma.Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakhoungasuka ube sisigculelo.

Abatheleli

8 Thina sinodade wethu;akakantshuli namabele.Kambe, singamenzela ntoni mhla acelwayo?

9 Ukuba ke ebeludongangesimakha abe yinqaba yesiliva.Nokuba ngaba ebelisangongesimkhusela ngemivalo yomsedare.

Umtshakazi

10 Ewe, mna ndiludonga;la mabele ziinqaba.Yiloo nto emehlweni akhendingulowo umphathela ukwaneliseka.

11 USolomon unesidiliya eBhali-hamon;uqeshise ngaso kubalimi.Ngeziqhamo zaso bayarhuma:liwaka leengqekembe zesiliva.

12 Esam isidiliya sesam ke!Iwaka lesiliva lelakho, Solomon.Amakhulu amabini ngawabaqeshi.

Umyeni

13 Wena ohlala emiyezweni,osoloko engqongwe zizihlobo,mandilive ilizwi lakho.

Umtshakazi

14 Xhabasha, sithandwa sam!Yiba ngathi ulinxala,ube ngathi ulitakane lebhadikwezo ntaba zeziqholo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8