Uncuthu Lwengoma 3 XHO96

1 Ubusuku bonke emandlalweni wamndahlala ndimlindele olangazelelwa yintliziyo yam;ndaba ngamjonga kodwa andamfumana.

2 Ndosuka ndivuke ndihamba-hambe esixekweni,ndijikeleze ezitalatweni nasemabaleni;ndomzingela lowo ulangazelelwa yintliziyo yam.Ewe, ndaba ngathalaza andamfumana.

3 Ke bona abalindi bandibhaqa;bona babehamba-hamba bejikeleza isixeko:“Ngaba khange nisibone isithandwa sam?”

4 Ukubanje ndahlukane nabosuka ndagaxeleka kuye ndamfumana.Hayi ke, ndambamba andamyeka,ndaza ndaya naye endlwini kamama,kwigumbi lalowo ndakhawulwa nguye.

5 Zintombi zaseJerusalem, ndinifungisaamanxala namabhadi asemathambekeni:Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

6 Ngubani na lo uthi gqi entlango,lo ngathi ngumqulu womsi?Nditsho lo uqholwe ngesiqhumiso nentlakaesiphuma kwiziqholo zabarhwebi.

7 Tyhini, yinqwelo kaSolomon!Ukhatshwa ngamashumi amathandathu amajoni,ezona ngcungela zamagorha akwaSirayeli.

8 Onke agaxel' amakrele;onke ngoompondo zihlanjiwe emfazweni.Ngalinye lixakath' ikrele;selilungel' izigigaba zobusuku.

9 Ukumkani uSolomon uzenzele inqwelo,eyenza ngamaplanga omthi waseLebhanon.

10 Iintsika zayo zityatyekwe ngesiliva,amazantsi ayo atyatyekwa ngegolide.Isihlalo sona sênziwa ngelaphu elimsobo;umphakathi ke wona uthungwe ngobunonozezo ntombi zaseJerusalem.

11 Phumani, zintombi zaseZiyon;khanikhangele nimbone ukumkani uSolomon.Nanko ethwele isithsaba sobukhosi,eso wasithweswa nguninamhla zawelan' iindonga,mhla intliziyo yakhe yaphuphuma luvuyo!

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8