9 Isithandwa sam ngathi linxala,sona sinjengetakane lebhadi.Naso simi emva kodonga lwakowethu,silolonga efestileni,sinyondla, sikroba emkhusaneni.
10 Isithandwa sam sibhekisa kum, sisithi:“Vuka kaloku, sithandwa sam.Awu, uyinzwakazi ke khona!Yiza kaloku, masihambe.
11 Kaloku bona ubusika budlule,kananjalo neemvula zigqithile.
12 Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;ligalelekile ixesha lokuntyiloza.Nâlo ihobe lidumzela;ewe, liyavakala kweli lakowethu.
13 Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.Phakama uze, sithandwa.Ewe, nzwakazi yam,yiza kaloku, masihambe!”
14 Uyintw' engathi lihotyazanalithe nca ezimfanteni zamawa;nditsho elizimela ezintabeni.Vela kaloku ndikubone,ukuze ndive nelo lizwi;nditsho elo liyole kunene.Ubuso bakho buthi ndijonge!
15 Khawusibambele ezo mpungutye;ewe, iimpungutyana ezincinci,kuba ziyazonakalisa izidiliya,kanti izidiliya zethu zityatyambile.