3 Ke bona abalindi bandibhaqa;bona babehamba-hamba bejikeleza isixeko:“Ngaba khange nisibone isithandwa sam?”
4 Ukubanje ndahlukane nabosuka ndagaxeleka kuye ndamfumana.Hayi ke, ndambamba andamyeka,ndaza ndaya naye endlwini kamama,kwigumbi lalowo ndakhawulwa nguye.
5 Zintombi zaseJerusalem, ndinifungisaamanxala namabhadi asemathambekeni:Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;luyekeni lude luzivukele ngokwalo.
6 Ngubani na lo uthi gqi entlango,lo ngathi ngumqulu womsi?Nditsho lo uqholwe ngesiqhumiso nentlakaesiphuma kwiziqholo zabarhwebi.
7 Tyhini, yinqwelo kaSolomon!Ukhatshwa ngamashumi amathandathu amajoni,ezona ngcungela zamagorha akwaSirayeli.
8 Onke agaxel' amakrele;onke ngoompondo zihlanjiwe emfazweni.Ngalinye lixakath' ikrele;selilungel' izigigaba zobusuku.
9 Ukumkani uSolomon uzenzele inqwelo,eyenza ngamaplanga omthi waseLebhanon.