2 Loo mazinyo amhlophe qhwa,ngathi ziigusha ezisand' ukuchetywa,kanye xa zigqityw' ukuhlanjwa.Onke asenamaqabane awo,akukho lingumth' uzimele.
3 Imilebe ngathi ngumty' obomvu;hay' ukuthandeka kwaloo mlomo!Izidlele ngathi ngamaqhekez' erharnati,ngaphaya kweso sigqubuthelo.
4 Ntamo ngathi yinqaba kaDavide,yona yakhiwe ngezintlu zamatye;ithiwe gaxa ezo ntsimbi,ngathi liwaka lamakhaka amagorha.
5 Loo mabele ngathi ngamatakane amabini;nditsho amawele ebhadi,ethuku-thukuza phakathi kweenyibiba.
6 Ide ke isangane imini,ke wona amathunzi anabe,ndohamba-hamba kwiintaba zesiqholo semore,ndijikeleze kwiinduli zentlaka yesiqhumiso.
7 Awumhle ngako, sithandwa sam!Umhle ngenene, awunasiphako!
8 Masihle eLebhanon, mtshakazi wam;ewe, masihle eLebhanon.Masihle kwincopho yeAmana,nditsho kumalenga-lenga eSenire,incopho yentaba iHermon,apho zinezikhundla zazo iingonyama,apho zihlala khona izingwe.