2 Bendilele, kodwa ingqondo yam iphaphile.Nâso isithandwa sam sinkqonkqoza sisithi:“Ndingenise kaloku, sithandwa sam, dad' ethu,hobe lam, cikizwa wam.Intloko yam imanzi ngumbethe,neenwele zam ngamathontsi asebusuku.”
3 Awu, sendikhulule nje!Uthi mandinxibe kwakhona?Sendizihlambile neenyawo.Uthi mandizingcolise kwakhona?
4 Isithandwa sam solula isandla kwikroba lokuvula,yatsho yabetha intliziyo yam ngenxa yaso.
5 Ndavuka ndisiya kuvulela isithandwa sam,izandla zam zivuza isiqholo semore,neminwe imanzi kwasiso.Ndasichukumisa ndinjalo isitshixo,
6 ndasivulela isithandwa sam.Kodwa phi kwaphi, sasimkile nje!Benditsho ndasilangazelela sakuthetha,ndaba ngathalaza andasibona,ndaba ngamemeza, tu impendulo!
7 Ndade ndabhaqwa ngabalindikwimijikelo yabo esixekweni.Hayi ke, bandibetha bandenzakalisa.Nâbo besimka nengubo yamabo bagada iindonga zesixeko.
8 Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:Apho nisibone khona isithandwa samze nisixelele ukuba ndiyafa luthando!