6 ndasivulela isithandwa sam.Kodwa phi kwaphi, sasimkile nje!Benditsho ndasilangazelela sakuthetha,ndaba ngathalaza andasibona,ndaba ngamemeza, tu impendulo!
7 Ndade ndabhaqwa ngabalindikwimijikelo yabo esixekweni.Hayi ke, bandibetha bandenzakalisa.Nâbo besimka nengubo yamabo bagada iindonga zesixeko.
8 Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:Apho nisibone khona isithandwa samze nisixelele ukuba ndiyafa luthando!
9 Nzwakazi yeenzwakazi,sibhetele ngani esakho isithandwa?Ngaba siyabedlula na abanye,le nto ude usifungise ngolu hlobo?
10 Isithandwa sam yinzwana ekomelela;songama nakwishumi lamawaka.
11 Intloko yaso yeyona golide,iinwele sisihlwitha esimfaneleko,zimnyama ngathi lihlungulu.
12 Yintw' emehlo ngathi lihobexa lisemithonjeni yamanzi.Ngathi ahlanjwe ngobisi,ahonjiswa okwamatye exabiso.