Unehemiya 11 XHO96

Abemi baseJerusalem

1 Ke kaloku iinkokheli zesizwe zazinza eJerusalem, baza abanye abantu benza amaqashiso ukuze kwishumi ngalinye labantu umntu omnye aphume aye kuma eJerusalem, isixeko esingcwele, baze ke abaseleyo abalithoba beme kwiidolophu zabo.

2 Abantu babancoma abo bazinikelela ukuya kuma eJerusalem.

3 Nazi iinkokheli zephondo ezaya kuhlala eJerusalem: Ke amanye amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nezicaka zendlu kaThixo, nenzala yezicaka zikaSolomon, yahlala kwiidolophu zelakwaJuda; yangulowo nalowo wahlala emzini wakhe kwezo dolophu zahlukeneyo;

4 babe ke abanye abakwaJuda nabakwaBhenjamin behleli eJerusalem.Kwinzala kaJuda yaba nguAtaya unyana kaUziya, kaZakariya, ka-Amariya, kaShefatiya, kaMahalaleli, inzala kaPerezi,

5 noMaseya unyana kaBharuki, unyana kaKolihoze, kaHazaya, ka-Adaya, kaYoyaribhi, kaZakariya, inzala kaShela.

6 Iyonke inzala kaPerezi, eyayihlala eJerusalem, yayingamagorha angamakhulu amane anamashumi amathandathu anesibhozo.

7 Inzala kaBhenjamin yayinguSalu unyana kaMeshulam, kaJowedi, kaPedaya, kaKolaya, kaMaseya, kaItiyeli, kaYesaya,

8 nabalandeli bakhe, uGabhayi noSalayi, bebonke bengamadoda angamakhulu alithoba anamashumi amabini anesibhozo.

9 Inkokheli yabo yayinguJoweli unyana kaZikri, yena uJuda unyana kaSenuwa evelele isiphaluka sesibini sesixeko.

10 Kubabingeleli yayinguYedaya unyana kaJoyaribhi, uJakin,

11 uSeraya unyana kaHilekiya, kaMeshulam, kaZadoki, kaMareyoti, ka-Ahitubhi owayongamele indlu kaThixo,

12 namahlakani abo awayeqhuba umsebenzi wendlu kaThixo bengamadoda angamakhulu asibhozo anamashumi amabini anambini; uAdaya unyana kaJeroham, kaPelaliya, ka-Amzi, kaZakariya, kaPashure, kaMalekiya,

13 namahlakani akhe, iinkulu zezindlu, bengamadoda angamakhulu amabini anamashumi amane anesibini; uAmashesayi unyana ka-Azarele, ka-Azayi, kaMeshilemoti, kaImere,

14 namahlakani akhe, iinto ezingamagorha, ikhulu elinamashumi amabini anesibhozo. Inkokheli yabo yayinguZabhediyeli unyana kaHagedolim.

15 KubaLevi yayinguShemaya unyana kaHashubhi, ka-Azerikam, kaHashabhiya, kaBhuni;

16 uShabhetayi noYozabhadi, bobabini iziinkulu zabaLevi ezazongamele umsebenzi wangaphandle kwindlu kaThixo;

17 uMataniya unyana kaMika, kaZabbedi, ka-Asafu, umbhexeshi kwezokubulela nezokuthandaza; uBhakebhukiya owayelisekela kumahlakani akhe; noAbheda unyana kaShamuwa, kaGalali, kaYedutun.

18 Bebonke abaLevi kwisiXeko esiNgcwele babengamakhulu amabini anamashumi asibhozo anane.

19 Abalindi-masango yayinguAkubhi, uTalmon, namahlakani abo awayelinda amasango, amadoda alikhulu elinamashumi asixhenxe anesibini.

20 Amanye ke amaSirayeli nababingeleli nabaLevi ayekuzo zonke iidolophu zakwaJuda, ulowo nalowo ekumzi olilifa looyise-mkhulu.

21 Izicaka zendlu kaThixo zazihlala kwinduli iOfeli, uZiha noGishpa beziinkokheli zazo.

22 Inkokheli yabaLevi eJerusalem yayingu-Uzi unyana kaBhani, kaHashabhiya, kaMataniya, kaMika. U-Uzi lo wayengomnye kwinzala ka-Asafu eyayikwiimvumi zenkonzo yendlu kaThixo.

23 Iimvumi ezi zaziphantsi kwemiyalelo kakumkani, umsebenzi wazo wemihla ngemihla uxhomekeke kuye.

24 UPetaniya unyana kaMeshezabheli, omnye wenzala kaZera unyana kaJuda, wayesisandla sikakumkani kuyo yonke imicimbi emayela noluntu.

25 Ngokumayela neelali namasimi azo, abanye kubantu bakwaJuda babehlala eKiriyati-arbha namaphandle ayingqongileyo, eDibhon neziphaluka, eKabhezeli neelali zayo,

26 eYeshuwa, eMolada, eBhete-pelete,

27 eHazare-shuwali, eBheshebha neelali zayo,

28 eZikelage, eMekona neziphaluka,

29 e-En-rimon, eZora, eYamuti,

30 eZanowa, eAdulam neelali zazo, eLakishe namasimi ayo, eAzeka neziphaluka. Ewe, babethe qwelele kuwo wonke loo mmandla ukusuka eBheshebha kuye kwintili yeHinom.

31 Inzala kaBhenjamin eyayivela eGebha yayihlala eMikmas, eAya, eBhetele neziphaluka,

32 eAnatoti, eNobhi, eAnaniya,

33 eHazore, eRama, eGitayim,

34 eHadide, eZebhoyim, eNebhalati,

35 eLodi, eOno, nakwiNtili yeeNgcibi.

36 Amanye kumaqela abaLevi akwaJuda ema kwaBhenjamin.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13