Unehemiya 7 XHO96

1 Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi.

2 Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.

3 Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”

Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo

4 Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.

5 Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:

6 Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,

7 ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:

8 inzala kaParoshe 2 172

9 inzala kaShefatiya 372

10 inzala ka-Ara 652

11 inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818

12 inzala kaElam 1 254

13 inzala kaZatu 845

14 inzala kaZakayi 760

15 inzala kaBhinuwi 648

16 inzala kaBhebhayi 628

17 inzala ka-Azegadi 2 322

18 inzala ka-Adonikam 667

19 inzala kaBhigwayi 2 067

20 inzala ka-Adin 655

21 inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya 98

22 inzala kaHashum 328

23 inzala kaBhezayi 324

24 inzala kaHarifi 112

25 inzala kaGibheyon 95

26 amadoda aseBhetelehem naseNetofa 188

27 amadoda aseAnatoti 128

28 amadoda aseBhete-azemavete 42

29 amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti 743

30 amadoda aseRama naseGabha 621

31 amadoda aseMikmas 122

32 amadoda aseBhetele naseAyi 123

33 amadoda enye iNebho 52

34 amadoda enye iElam 1 254

35 amadoda aseHarim 320

36 amadoda aseJeriko 345

37 amadoda aseLodi naseHadide naseOno 721

38 amadoda aseSena 3 930

39 Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa 973

40 inzala kaImere 1 052

41 inzala kaPashure 1 247

42 inzala kaHarim 1 017

43 Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva 74

44 iimvumi zenzala ka-Asafu 148

45 abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi 38

46 Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,

47 inzala kaKerosi noSiya noPadon,

48 inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,

49 inzala kaHanan noGidele noGahare,

50 inzala kaRaya noRezin noNekoda,

51 inzala kaGazam noUza noPaseya,

52 inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,

53 inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,

54 inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,

55 inzala kaBhakose noSisera noTema,

56 inzala kaNeziya noHatifa

57 Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaSotayi noSoferete noPerida,

58 inzala kaJala noDakon noGidele,

59 inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon

60 Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392

61 Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:

62 inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642

63 Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)

64 Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.

65 Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.

66 Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360

67 izicaka nezicakazana 7 337 iimvumi neemvumikazi 245

68 amahashe 736 iimeyile 245

69 iinkamela 435 iidonki 6 720

70 Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:Umlawuli: iikhilogram zegolide 8 izitya zokutshiza 50 izambatho zababingeleli 530

71 Iintloko zezindlu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 1 250

72 Abanye abantu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 140 izambatho zababingeleli 67

73 Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13