1 Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi.
2 Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.
3 Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”
4 Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.
5 Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:
6 Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,
7 ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:
8 inzala kaParoshe 2 172
9 inzala kaShefatiya 372
10 inzala ka-Ara 652
11 inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818
12 inzala kaElam 1 254
13 inzala kaZatu 845
14 inzala kaZakayi 760
15 inzala kaBhinuwi 648
16 inzala kaBhebhayi 628
17 inzala ka-Azegadi 2 322
18 inzala ka-Adonikam 667
19 inzala kaBhigwayi 2 067
20 inzala ka-Adin 655
21 inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya 98
22 inzala kaHashum 328
23 inzala kaBhezayi 324
24 inzala kaHarifi 112
25 inzala kaGibheyon 95
26 amadoda aseBhetelehem naseNetofa 188
27 amadoda aseAnatoti 128
28 amadoda aseBhete-azemavete 42
29 amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti 743
30 amadoda aseRama naseGabha 621
31 amadoda aseMikmas 122
32 amadoda aseBhetele naseAyi 123
33 amadoda enye iNebho 52
34 amadoda enye iElam 1 254
35 amadoda aseHarim 320
36 amadoda aseJeriko 345
37 amadoda aseLodi naseHadide naseOno 721
38 amadoda aseSena 3 930
39 Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa 973
40 inzala kaImere 1 052
41 inzala kaPashure 1 247
42 inzala kaHarim 1 017
43 Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva 74
44 iimvumi zenzala ka-Asafu 148
45 abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi 38
46 Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,
47 inzala kaKerosi noSiya noPadon,
48 inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,
49 inzala kaHanan noGidele noGahare,
50 inzala kaRaya noRezin noNekoda,
51 inzala kaGazam noUza noPaseya,
52 inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,
53 inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,
54 inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,
55 inzala kaBhakose noSisera noTema,
56 inzala kaNeziya noHatifa
57 Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
58 inzala kaJala noDakon noGidele,
59 inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60 Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392
61 Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62 inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642
63 Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)
64 Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.
65 Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66 Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360
67 izicaka nezicakazana 7 337 iimvumi neemvumikazi 245
68 amahashe 736 iimeyile 245
69 iinkamela 435 iidonki 6 720
70 Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:Umlawuli: iikhilogram zegolide 8 izitya zokutshiza 50 izambatho zababingeleli 530
71 Iintloko zezindlu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 1 250
72 Abanye abantu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 140 izambatho zababingeleli 67
73 Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,