Unehemiya 3 XHO96

Abakhi bodonga

1 Ke umbingeleli omkhulu uEliyashibhi kunye noogxa bakhe ababingeleli bahamba baya kwakha iSango leeGusha. Balinikezela, bawabuyisela namasango, bakha baya kuthi xhaxhe ngeNqaba yeKhulu abayinikezelayo, baqhuba bema ngeNqaba kaHananeli.

2 Amadoda aseJeriko ayesakha kufuphi nabo, ngakuwo kusakha uZakure unyana kaImri.

3 ISango leeNtlanzi lona lakhiwa ngoonyana bakaHasena. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango zalo, neziqhobosho nemivalo.

4 UMeremoti, unyana kaUriya, kaHakoze, walungisa umgama olandelayo. Ke yena wayelandelwa nguMeshulam unyana kaBherekiya kaMeshezabheli, owayelandelwa nguZadoki unyana kaBhana, xa bebonke besakha.

5 Umgama olandelayo wawusakhiwa ngamadoda aseTekowa, nto nje izikhulu zawo zazingafuni kufaka gxalaba kuloo msebenzi phantsi komphathi wazo.

6 UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.

7 Kufuphi nabo kwakusebenza amadoda aseGibheyon naseMizpa, uMelatiya waseGibheyon noYadon waseMeronoti, ndawo ezo zaziphantsi komlawuli wakwelentshona ye-Efrati.

8 U-Uziyeli unyana kaHarehaya omnye weengcibi zegolide wayelungisa umgama olandelayo. Ke yena uHananiya, omnye wabenzi-ziqholo, wayesebenza loo mgama ulandelayo. Iindonga zeJerusalem bazilungisa bema ngoDonga oluBanzi.

9 URefaya unyana kaYuri, umlawuli wesiqingatha seJerusalem, wayelungisa umgama olandelayo.

10 UYedaya unyana kaHarumafi wayelungisa iindawo ekufuphi nendlu yakhe, kufuphi naye inguHatushe unyana kaHashabheniya.

11 UMalekiya unyana kaHarim noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi babelungisa enye indawo kunye neNqaba yamaZiko.

12 Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.

13 ISango leNtili lalilungiswa nguHanum kunye nabemi baseZanowa. Balakha balifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Kananjalo balungisa umgama oziimitha ezimakhulu mane anamashumi amahlanu kudonga olo, bema ngeSango lobuLongwe.

14 ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.

15 UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide.

16 Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.

17 Ngakuye ke kwakusebenza abaLevi abaphantsi koRehum unyana kaBhani, kwalandela uHashabhiya umlawuli wesiqingatha seKehila, emele isithili sakhe.

18 Kufuphi naye kwakusebenza amawabo aphantsi koBhawayi unyana kaHenadadi umlawuli wesinye isiqingatha seKehila.

19 Kwakulandela uEzere unyana kaYeshuwa umlawuli weMizpa, elungisa enye indawo ukusukela ekunyukeni kwidolo eliya kwiNqaba yeziXhobo.

20 Wayelandelwa nguBharuki unyana kaZabhayi esebenza ngenyameko kwenye indawo ukusuka edolweni ukuya esangweni lendlu yombingeleli omkhulu uEliyashibhi.

21 Kufuphi naye yayinguMeremoti unyana kaUriya, kaHakozi, elungisa omnye umgama osukela esangweni lendlu kaEliyashibhi kuye ekupheleni kwayo.

22 Ngakuye apho kwakusebenza ababingeleli bommandla obangqongileyo.

23 Ngaphaya kwabo kwakulungisa uBhenjamin noHashubhi phambi kwendlu yabo, belandelwa nguAzariya unyana kaMaseya, ka-Ananiya, elungisa ngasendlwini yakhe.

24 Ngakuye yayinguBhinuwi unyana kaHenadadi elungisa enye indawo esukela kwindlu ka-Azariya ukuya edolweni nakuyo ikona.

25 UPalali unyana kaUzayi wayesebenza malunga nedolo nenqaba evelele amantla ebhotwe kufuphi nenkundla yabalindi. Kufuphi naye yayinguPedaya unyana kaParoshe

26 kunye nezicaka zendlu kaThixo ezazihlala kwinduli iOfeli, zalungisa zaya kuma ngakwiSango laManzi ngasempuma nakwinqaba eveleleyo.

27 Ngakubo yayingamadoda aseTekowa elungisa enye indawo ukusukela ngakuloo nqaba iveleleyo ukuya kudonga lweOfeli.

28 Phezu kweSango lamaHashe ababingeleli babelungisa elowo phambi kwendlu yakhe.

29 Balandelwa nguZadoki unyana kaImere esebenza malunga nendlu yakhe. Ngakuye yayinguShemaya unyana kaShekaniya, umlindi wesango elisempuma, naye evusa udonga.

30 Wayelandelwa nguHananiya unyana kaShelemiya noHanun unyana wesithandathu kaZalafi belungisa enye indawo. Ngakubo yayinguMeshulam unyana kaBherekiya esakha malunga nendawo awayehlala kuyo,

31 kufuphi naye inguMalkija, enye yeengcibi zegolide. Yena walungisa wee xhaxhe ngendlu yezicaka zikaThixo neyabarhwebi, malunga neSango labaHloli, wema ngegumbi eliphezu kwekona.

32 Phakathi kwegumbi eliphezu kwekona neSango leeGusha kwakulungisa iingcibi zegolide nabarhwebi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13