16 kwaIdo nguZakariya;kwaGineton nguMeshulam;
17 kwa-Abhiya nguZikri;kwaMiniyamin nakwaMowadiya nguPiletayi;
18 kwaBhilega nguShamuwa;kwaShemaya nguJonatan;
19 kwaJoyaribhi nguMatenayi;kwaJedaya ngu-Uzi;
20 kwaSalayi nguKalayi;kwa-Amoki nguHebhere;
21 kwaHilekiya nguHashabhiya;kwaYedaya nguNataniyeli.
22 Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya.