1 Ngaloo mini ke incwadi kaMosis yafundwa ngokuvakalayo, besiva nabantu, kwaza ke kwafumaneka kubhaliwe apho kuyo kwathiwa akukho m-Amon namMowabhi uya kuze angeniswe ebandleni likaThixo.
2 Kaloku ezi ntlanga zona zange ziwamkele ziwaphe kutya namanzi amaSirayeli, koko zasuka zawathengela uBhalam ukuba awashwabulele. Kambe ke uThixo wethu elo lishwa waliguqula walenza ithamsanqa.
3 Bathe ke abantu bakuwuva lo mthetho, basuka bamchwethela phaya wonke umntu osondele kuSirayeli kodwa engowomlibo weentlanga.
4 Ngaphambi koku ke uEliyashibhi umbingeleli yayinguye ojonge oovimba bendlu kaThixo. Wayeqhogene noTobhiya,