15 Ngaloo mihla ke kwelakwaJuda ndabona amadoda exovula iwayini *ngoMhla wokuPhumla, ethwele ukudla okuziinkozo, ekulayisha ezidonkini kunye newayini, idiliya, amakhiwane, nezinye iindidi zemithwalo. Zonke ke ezo zinto ayezizisa eJerusalem ngoMhla wokuPhumla. Ke kaloku ndawalumkisa ukuba angathengisi kutya ngaloo mhla.