2 Kaloku ezi ntlanga zona zange ziwamkele ziwaphe kutya namanzi amaSirayeli, koko zasuka zawathengela uBhalam ukuba awashwabulele. Kambe ke uThixo wethu elo lishwa waliguqula walenza ithamsanqa.
3 Bathe ke abantu bakuwuva lo mthetho, basuka bamchwethela phaya wonke umntu osondele kuSirayeli kodwa engowomlibo weentlanga.
4 Ngaphambi koku ke uEliyashibhi umbingeleli yayinguye ojonge oovimba bendlu kaThixo. Wayeqhogene noTobhiya,
5 wada ke wamnika nendlu enkulu eyayinguvimba weminikelo yeenkozo, isiqhumiso kunye nezinto zendlu kaThixo. Zazilapho nezishumi zeenkozo, iwayini entsha, kunye namafutha omnquma, zinto ezo ke zazimiselwe ukuba sisabelo sabaLevi, iimvumi, nabalindi-masango, kwanemirhumo esisabelo sababingeleli.
6 Ke kaloku ngeli thuba kwenzeka ezi zinto, mna ndandingekho eJerusalem. Kaloku ngonyaka wamashumi amathathu anambini wolawulo lukakumkani uAtashasta waseBhabheli ndakhe ndabuyela komkhulu eBhabheli. Emva kwethutyana ke ndabuya ndacela,
7 ndaza ke ndabuyela eJerusalem. Ngoko ke ndaba nokubuva ububi obabenziwe nguEliyashibhi ngokunika uTobhiya indlu ephakathi enkundleni yendlu kaThixo.
8 Ndakhathazeka gqitha, ndaza ke iimpahla zendlu kaTobhiya ndazithatha ndaziphosa ngaphandle kwaloo ndlu.