7 ndaza ke ndabuyela eJerusalem. Ngoko ke ndaba nokubuva ububi obabenziwe nguEliyashibhi ngokunika uTobhiya indlu ephakathi enkundleni yendlu kaThixo.
8 Ndakhathazeka gqitha, ndaza ke iimpahla zendlu kaTobhiya ndazithatha ndaziphosa ngaphandle kwaloo ndlu.
9 Ndanika umyalelo wokuba ahlanjululwe loo magumbi, ndaza ke emva koko ndayibuyisela kwakuwo impahla yendlu kaThixo kunye neminikelo yeenkozo neziqhumiso.
10 Kananjalo ndafumanisa ukuba izabelo zabaLevi abasazinikwa, kuba bona kunye neemvumi ezilungiselelayo, xa bebonke babebuyele emasimini abo.
11 Ngoko ke ndawakhalimela amagosa, ndawabuza ndathi: “Ngani ukuba ingakhathalelwa kangaka indlu kaThixo?” Ndababiza ke ndabaqokelela, ndabamisa ngeendawo zabo.
12 Xa ewonke uJuda wazizisa izishumi zeenkozo, iwayini entsha, namafutha omnquma, wazifaka koovimba.
13 Ndamisa umbingeleli uShelemiya, umchazi-mthetho uZadoki, nomLevi ogama linguPedaya, bajonga oovimba, bencediswa nguHanan unyana kaZakure, kaMataniya. Kaloku la madoda ayesaziwa ngokuthembeka. Yayingawo athwele uxanduva lokwabela amawawo.