11 Ndaya eJerusalem, ndaza emva kweentsuku ezintathu
12 ndaphuma ngobusuku ndinebathwana lamadoda. Zange ndixelele mntu ngento uThixo wam ayibeke entliziyweni yam ukuba ndiyenzele iJerusalem. Kwakungekho nazinto zokukhwela ngaphandle kwaleyo ndandikhwele kuyo.
13 Ngobusuku njalo ndaphuma ngeSango leNtili, ndaya ngakwiQula likaDyakalashe neSango lobuLongwe, ndazihlola ezo ndonga zidilikileyo naloo masango atshiswe ngomlilo.
14 Ndadlulela kwiSango loMthombo neQula loKumkani; kambe ke andibanga nako ukudlula khona ndikhwele.
15 Ewe, intili ndayinyuka ngobusuku ndizihlola iindonga. Ndaza ke ndajika, ndangena ngeSango leNtili.
16 Abaphathi babengandazi apho ndiye khona nento endandiyenza, kuba ndandingekathethi nto kumaJuda, nababingeleli, nezikhulu, nabaphathi, nabanye ababeza kusebenza.
17 Ndaza ndathi kubo: “Ngaba niyayibona na le nkxwaleko sikuyo? IJerusalem ingamabhodlo; amasango ayo atshiswe ngomlilo. Ngoko ke yizani sizivuse iindonga zeJerusalem, ukuze siphume ehlazweni.”