3 Abanye ke babesithi: “Sibambise ngamasimi ethu, nezidiliya, namakhaya, ukuze sizuze ukudla ngethuba lendlala.”
4 Kwakukho nabathi: “Siboleke imali ukuze sibe nokuhlawula irhafu yakomkhulu ngenxa yamasimi nezidiliya zethu,
5 kodwa nangona sibanye ngegazi namawethu la, futhi oonyana bethu befana nababo, kodwa thina oonyana neentombi zethu bazizisulu zobukhoboka. Ezinye kwiintombi zethu sezingene ebukhobokeni; ke thina asinakwenza nto, kuba amasimi nezidiliya zethu zathathwa zanikwa bantu bambi.”
6 Ndithe ke ndakusiva esi simbonono sabo, ndawonye nezityholo zabo, ndasuka ndacaphuka kakhulu.
7 Ndawetyisa engqondweni lo mcimbi, ndaza ke ndazikhalazela izikhulu namagosa, ndathi: “Nicinezela amawenu ngokutsala ingeniso kwakuwo!” Ngoko ke ndabiza imbizo ukuze ichophele lo mbandela wabo,
8 ndathi: “Senze unako-nako sawakhulula ngokuwathenga amawethu angamaJuda awayethengiswe kwiintlanga. Ngoku ke nina nithengisa ngabo abantakwenu, nisenzela ukuba baphinde bathengiswe kwakuthi.” Kwathi cwaka ke, kuba babengenayo indlela yokuziphendulela.
9 Ndaqhuba ndathi: “Le nto niyenzayo ayilunganga. Ngani ukuba ningamhloneli uThixo, khon' ukuze niziphephe izinyeliso zeentlanga eziziintshaba zethu?