8 Ndamthumelela le mpendulo ke, ndathi: “Ayikho into enjengale uyithethayo; kuphela wena uyikha entloko le nto uyithethayo.”
9 Ewe, babezama ukusoyikisa besithi: “Baza kutyhafa ukuze umsebenzi bawuyeke ungagqitywanga.”Kambe ke ndathandaza ndathi: “Thixo wethu, zomeleze izandla zam!”
10 Ngenye imini ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya kaMetabheli owayezivalele emzini wakhe. Waza ke wathi: “Masiye kuhlangana endlwini kaThixo, singene ngaphakathi, sivale iingcango, kuba kukho abantu abafuna ukukubulala; ewe, baza kukubulala ngobusuku.”
11 Kambe ke ndathi apho kuye: “Uthi ingaze ibaleke indoda enjengam nje? Okanye ke uthi ndingade ndiye kungena endlwini kaThixo ukusindisa ubomi bam? Hayi bo! Andiy' apho!”
12 Ewe, ndayiqonda into yokuba akathunywanga nguThixo, koko undishumayeza ezi zinto kuba ethengwe nguTobhiya noSanebhalati.
13 Wayethengwe ukuze andigrogrise, khon' ukuze ngale nto ndenze isono, bona ke banditshabhise ngegama elibi.
14 Awu, Thixo wam, uze ubakhumbule ooTobhiya noSanebhalati ngale nto bayenzileyo; ungamlibali nomshumayelikazi uNowadiya nabo bonke abashumayeli abazama ukundigrogrisa.