1 Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesine kwakuloo nyanga amaSirayeli aqokelelana, azila, anxiba ezirhwexayo, ezigalela ngomhlaba entloko.
2 AmaSirayeli omthonyama azahlukanisa neentlanga, ema ngeenyawo, azivuma izono zawo ndawonye nobugwenxa booyise.
3 Ema ezindaweni zawo, afunda kwincwadi yomthetho *kaNdikhoyo uThixo wawo isithuba sesahlulo sesine semini, aza ke ngesinye isahlulo sesine avuma izono enqula uNdikhoyo uThixo wawo.
4 Ke bona abaLevi uYeshuwa, uBhani, uKademiyeli, uShebhaniya, uBhuni, uSherebhiya, uBhani, noKenani, bema eqongeni, bedanduluka bebiza kuNdikhoyo uThixo wabo.
5 Aba baLevi bangooYeshuwa, uKademiyeli, uBhani, uHashabeneya, uSherebhiya, uHodiya, uShebhaniya, noPetaya, basuka bathi: “Phakamani nibonge uNdikhoyo uThixo wenu, umahlal' ehleli ngonaphakade kanaphakade, nithi:“Malibongwe igama lakho elidumileyo;ngamana laphakanyiselwa phezulu kunayo yonke intsikelelo nezibongo.
6 Nguwe wedwa uMahlalekho,nguwe umenzi wamazulu,nalawo asemajuku-jukwini,nelo hlokondiba leenkwenkwezi zawo,nkqu nehlabathi nako konke okukulo,oozilwandle nako konke ezikufumbathileyo.Iinto zonke uzithi jize ngobomi,neendimbane zamazulu zinqula wena.
7 “Wena unguNdikhoyo uThixo.Nguwe owanyula uAbram,wamkhupha eUre yelamaKaledi,waza wamthiya elinguAbraham.