27 Waza ke wena wabanikezela ezintshabeniezasuka zabaphatha kabuhlungu.Bathe bekuloo ngcinezelo ke,suka bahlahlamba bazibika kuwe.Ke wena weva usezulwini,waza ke ngaloo mfobe yakhowabathi jize ngabahlanguli,ke bona babakhulula ezintshabeni.
28 “Bathe ke bakuphumla,basuka baphindela ebubini.Suka ke wena wabalahla,wabanikela ezintshabeni zabo,zaza ke zona zabalawula.Baphindile ke bazibika kuwe,waza weva wena usezulwiniyaphindelela imfobe yakho,ubahlangula umhla nezolo.
29 Ke wena wabatyityimbisela umnwe,usithi mababuyele emthethweni wakho.Kodwa ke basuka bakhukhumala,bazidela iziyalo zakho.Bazinyathela ngeenyawo izimiso zakho,ezo zibubomi bomntu wonke othi yena azithobele.Basuka bakufulathela bekhukhumele,bankaniza, abakuphulaphula.
30 “Yaba liqela leminyaka wena ubanyamezele.NgoMoya wakho wena wabaluleka,usebenzisa abashumayeli bakho.Kodwa ke bona abakhathalanga,waza ke wabanikezela kwizizwe ezingabamelwana.
31 Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba.
32 “Ngoko ke, Thixo wethu,Ngangalalandini yengangamsha,wena Thixo owoyikekayo,uwugcinayo umnqophiso wokubonelela,yijonge le nkxwaleko ingaka,ingabi yintw' engento kuwe.Nditsho iinkathazo ezasihlelayo,ezehlela ookumkani neenkokheli zethu,ababingeleli nabashumayeli,oobawo kunye nabantu bakho bebonke,ukusukela kwimihla yookumkani baseAsiriya,ukuza kuthi ga ngoku.
33 Kwezo zinto zasihlelayo wena uhleli ulungile;wasoloko usenza ngentembeko, ke thina sibhatyaza.