9 Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,ama-Amon abe njengeGomora,indawo yokhula nemihadi yetyuwa.Yoba yinkangala ngonaphakade.Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”
10 Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.
11 UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.Izizwe macala onke ziya kumnqula;bebonke ke kwimihlaba yabo.
12 “Nani ngokwenu, maKushe,niya kubulawa ngekrele lam.”
13 Uya kusolula isandla sakhe kwelangasentla,ayitshabalalise iAsiriya,ayenze ibe linxuwa iNiniva,isale iyinkangala enjengentlango.
14 Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi;ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana.Soba lapho isikhova nesihulu-hulu,side silale kuloo miwewe,zikhwazane kwezo festile,ibe emnyango iyinkunkuma yodwa,imiqadi yomsedare isele izé.
15 Koba njalo okwesixeko esonwabileyo,esisoloko sihleli sikhuselekile.Kaloku sona sasisithi:“Ndim ndodwa; akukho wumbi.”Ndlela le singamabobosi ngayo!Ngoku seyilikhaya lamarhamncwa.Ke abadlulayo bobetha umlozi,babambe ongezantsi.