17 UNdikhoyo uThixo wakho unawe;uligorha elisindisayo.Yena unemihlali ngawe, enovuyo;uya kukuthulisa ngothando lwakhe;ugcoba ngawe eyiyizela,
18 ngathi ngabantu ngomhla wetheko.”Kaloku uNdikhoyo uthi:“Ndonikhusela kuyo intlekele,ningabi saba sisingcikivo.
19 Uyabona, ngelo xesha ndiya kuphathana nabo abo bakucinezeleyo.Ndiya kusihlangula isiqhwala,ndibaqokelele abo basarhazekileyo.Ndiya kubanika udumo nokuhlonelwakuloo mazwe onke ababehlaziswa kuwo.
20 Ngelo xesha ndoniqokelela;ewe, ndinibuyisele ekhaya,ndinithi jize ngesidima nendumisokuzo zonke izizwe zehlabathi,xa ndinibuyisela kundalashe.Nani ke noyibona loo nto ngala wenu amehlo!”Utsho uNdikhoyo.