7 Bendisithi iJerusalem iya kundoyika,ikwamkele ukululekwa,nendawo yokuhlala kwayo inganqanyulwa,nditsho konke endayibonelela ngako.Kambe ke basuka baxhinela phambilibesenza loo mikhuba yabo mibi.
8 “Ngoko ke lindelani kum,”utsho uNdikhoyo,“nijonge usuku endothimba ngalo.Ndosuka ndiziqokelele izizwe,ndizihlanganisele ndawonye izikumkani,ndizigalele ngomsindo wam,ndiyibhokoxele kuzo ingqumbo yam eshushu,ihlabathi liphela litshabalale,ndililenye ngomlilo womsindo wekhwele lam.
9 “Nezizwe ke ndosuka ndiziguquleukuze zonke zimnqule uNdikhoyo;ewe, zimbuse ngamxhelo mnye.
10 “Abakhonzi bam, abantu bam abasarhazekileyo,bophuma phesheya komlambo waseKushe,bandizisele iminikelo.
11 “Ngaloo mini aniyi kudana ngobugwenxa enibenze kum,kuba ndobasusa kwesi sixeko abo baziqhayisa ngekratshi.Soze niphinde nidelele kuloo ntaba yam ingcwele.
12 Ke kaloku ndonishiyela abantu abanobulali nabathobekileyo,abantu abakholosa ngegama likaNdikhoyo.
13 “Amasalela kaSirayeli soze anxaxhe.Akasayi kuthetha buxoki,kungàfunyanwa nankohliso emilonyeni yabo.Aya kutya angqengqe,kungabikho bani unokuwoyikisa.”