1 Nazi ngokwenu, mawethu, ukuba undwendwelo lwethu phakathi kwenu alubanga lilize konke-konke.
2 Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo.
3 Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani.
4 Koko ndityunjwe nguThixo nje, ndakufanela nokuphathiswa iindaba ezimnandi, ndisuka ndithethe ngezinto eziphathelele kwezo ndaba. Andizicengezeli mntwini, ndizicengezela kuThixo kuphela, yena ohleli ezazi iingcinga zethu.