1 Nazi ngokwenu, mawethu, ukuba undwendwelo lwethu phakathi kwenu alubanga lilize konke-konke.
2 Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo.
3 Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani.
4 Koko ndityunjwe nguThixo nje, ndakufanela nokuphathiswa iindaba ezimnandi, ndisuka ndithethe ngezinto eziphathelele kwezo ndaba. Andizicengezeli mntwini, ndizicengezela kuThixo kuphela, yena ohleli ezazi iingcinga zethu.
5 Niyazi kakuhle ukuba bendingankwalambisi ukuthetha nani. UThixo uyazi ukuba ukunyoluka bendingakwambesi ngentetho emnandi.
6 Bendingakuhoye nganto ukudunyiswa ngabantu, nditsho nani, nabani na.
7 Bendinako kambe ukunisinda ngesithinzi kuba *ndingumthunywa kaKrestu ngenkqu, koko ndisuke ndambuna kuni, ndaba yindlezana ibungezela iintsana zayo.