1 Ngaphezu koko, mawethu, sanifundisa indlela yobomi obumkholisayo uThixo. Le ke phofu yindlela ebeniphila ngayo kakade. Kodwa ke ngoku, njengoko nimanywe neNkosi uYesu, sinicela sinicenga-cenga ukuba nenze ngakumbi.
2 Kaloku niyayazi imiyalelo esaninika yona ngegunya leNkosi uYesu.
3 UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya.
4 Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko,
5 iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.
6 Ngokukwanjalo ke makungabikho bani umonayo okanye umvuyelelayo umwabo kulo mbandela. Sesinilumkisile ngaphambili ukuba iNkosi iya kubohlwaya abo benza izinto ezinjalo.