15 Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
16 Vuyani maxa onke,
17 nithandaze njalo-njalo.
18 Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
19 UMoya oyiNgcwele sanukumminxa;
20 ilizwi elivela eNkosini sanukulidela.
21 Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo.