1 Kubhala mna sicaka sikaYesu Krestu *nomthunywa wakhe, uSimon Petros. Ndibhalela nina bathe ngenxa yobulungisa bukaThixo noMsindisi wethu uYesu Krestu nânokholo olunjengolwethu ukuxabiseka.
2 Nanga ngenxa yokwazana kwenu noThixo kwakunye noYesu iNkosi yethu, ningenzelwa isisa, niphiwe noxolo ngakumbi nangakumbi.
3 Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.
4 Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.
5 Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo,
6 ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko,
7 nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.