10 Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ngakumbi ukuqinisekiswa kokubizwa nokunyulwa kwenu nguThixo. Kaloku ukuba niyayenza loo nto, aninakuze niwe konke.
11 Leyo yindlela eniya kungena ngayo ekuxhamleni ubuncwane bokulawulwa amaxesha onke yiNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu.
12 Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo.
13 Ndiba yimfanelo yam, lo gama ndisaphilayo, ukuba ndinikhwezele ngokumana ndinikhumbuza.
14 Kaloku ndiyazi ukuba sendiza kuwushiya lo mhlaba. Sele wandazisayo kaloku uYesu Krestu iNkosi.
15 Ndaye ndiza kwenza indlela yokuba nihlale nizikhumbula ezi zinto naxa ndingasekhoyo.
16 Ngokuya sasinixelela ngamandla eNkosi yethu uYesu Krestu nangokuza kwayo, sasinganenzeli ntsomi emini. Isihomo nesithozela sayo sasibona ngala wethu amehlo.