12 Ngenxa yaloo nto ke, ndiya kusoloko ndinikhumbuza ezi zinto, naxa nizaziyo nje, nisekelwe ngokuthe nkqi enyanisweni leyo ninayo.
13 Ndiba yimfanelo yam, lo gama ndisaphilayo, ukuba ndinikhwezele ngokumana ndinikhumbuza.
14 Kaloku ndiyazi ukuba sendiza kuwushiya lo mhlaba. Sele wandazisayo kaloku uYesu Krestu iNkosi.
15 Ndaye ndiza kwenza indlela yokuba nihlale nizikhumbula ezi zinto naxa ndingasekhoyo.
16 Ngokuya sasinixelela ngamandla eNkosi yethu uYesu Krestu nangokuza kwayo, sasinganenzeli ntsomi emini. Isihomo nesithozela sayo sasibona ngala wethu amehlo.
17 Ngokuya yayinikwa iwonga nobuqaqawuli nguThixo uYise sasikho. Sasikho naxa kwakuvakala ilizwi livela kuSobuqaqawuli, lisithi: “Lo nguNyana wam oyintanda, ondikholisayo.”
18 Leviwa sithi aba elo lizwi lalivela ezulwini, sikunye naye uYesu phezu kwaloo ntaba ingcwele.