13 Kambe ke thina silindele isithembiso sikaThixo, samazulu nehlabathi elitsha, apho kuya kulawula ucwangco.
14 Zihlobo zam, njengoko ke nisajong' enkalweni kweli dinga, hlalani nilungelelene noThixo; ningenabala, ningakhalazeleki nganto kuye.
15 Qondani kakuhle ukuba umonde weNkosi ufezekisa usindiso lwenu. Andithi kaloku nowethu othandekayo uPawulos utsho kwiincwadi zakhe azibhala phantsi kwefuthe nobulumko bukaThixo!
16 Kambe ke unjalo kakade xa ethetha ngale nyewe. Phofu ke kukho iindawo ezinzima ezincwadini zakhe. Ke zona izityhakala nabathandabuzi bazitolika gwenxa, njengoko besenza kakade *eziBhalweni. Ngokwenjenjalo ke bazibizela intshabalalo.
17 Ke nina, zihlobo zam, senilunyukisiwe. Ngoko ke lumkani, hleze aba basweli-kuqiqa banilukuhlele kwezo mpazamo zabo. Ngoko ke yimani ningagungqi.
18 Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! *Amen.