14 Yilondoloze kakuhle loo nto siyiphathisiweyo, uncedwa nguMoya oyiNgcwele ohleli kuthi.
15 Uyazi ukuba kwiphondo laseAsiya ndishiywe ngumntu wonke! Kumke nkqu noFilego noHermogene!
16 Kodwa usapho lwakwaOnesiforo lona uThixo unga angalenzela inceba. Kaloku yena wandinceda kaninzi-ninzi xa ndandineengxaki. Zange yena abe nazintloni ngokundihambela entolongweni.
17 Wathi efika nje eRoma, wandifuna wada wandifumana.
18 Wanga angenzelwa inceba ngaloo Mini yeNkosi! Ndiyayicela loo nto eNkosini! Izinto awayendenzela zona e-Efese zaziwa nguwe ngaphezu kokuba ndingakuxelelayo mna.