2 Ndibhalela unyana wam endimthandayo uTimoti. Ndithi: Kuwe makube sisisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uYise noYesu Krestu iNkosi yethu.
3 Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam.
4 Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam.
5 Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe.
6 Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla.
7 Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.
8 Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo.