7 Zigqale ezi ndawo, yaye iNkosi yokunceda uziqonde kakuhle.
8 Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuswa ekufeni, engumzukulwana kaDavide, njengoko nditshoyo xa ndishumayela iindaba ezimnandi.
9 Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga.
10 Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.
11 Athembekile la mazwi athi:“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.
12 Ukuba siyanyamezela, soxhamla ukulawula kwakunye naye.Ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela.
13 Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”