9 Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga.
10 Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.
11 Athembekile la mazwi athi:“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.
12 Ukuba siyanyamezela, soxhamla ukulawula kwakunye naye.Ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela.
13 Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”
14 Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli.
15 Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.