3 bengenabuntu, bengaxoleli mntu, behleba. Baya kuba nengcwangu, beziindlobongela, bayithiye into elungileyo.
4 Baya kuba ngabangcatshi, bafane benze, benekratshi. Baya kuthanda iziyolo kunoThixo.
5 Baya kulwamkela unqulo ngembonakalo, kodwa bewaphika amandla alo. Ke wena uze ungahambi nabantu abanjalo.
6 Abanye babo bahamba bechwechwela imizi, bexhaphaza abafazi abangenazimilo, ababotshwe zizono zabo, beluthuzeliswa ziinkanuko.
7 Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso.
8 Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile.
9 Abasoze bahambele ndawo, kuba ububhanxa babo buya kubonakala nakubani na kwanjengokuba kwaba njalo nakubachasi bakaMosis.