7 Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso.
8 Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile.
9 Abasoze bahambele ndawo, kuba ububhanxa babo buya kubonakala nakubani na kwanjengokuba kwaba njalo nakubachasi bakaMosis.
10 Kodwa ke wena, nyana wam, uze uhambe rhoqo ekhondweni lam, ngeemfundiso, ngokuziphatha, ngeenjongo, ngokholo, ngomonde, nangothando, nangokunyamezela
11 ngexesha leentshutshiso, nasebunzimeni. Izinto ezandihlelayo eAntiyokwe, eIkoniyo, naseListra, uyazi ukuba ndazithwala, iNkosi indihlangula kuzo zonke.
12 Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.
13 Kodwa zona izikhohlakali nezikrelemnqa ziya kuqhuba zisuka ebubini ziye kobungaphezulu ububi, zihamba zikhohlisa, zikhohliswa nazo.