15 Nawe kungakuhle umlumkele. Wayendiphikisa kakhulu kuyo yonke into endiyithethayo.
16 Akuzanga kubekho namnye umntu oweza kundixhasa ukuqala kokuvavanywa kwetyala lam. Bonke bandishiya enyanyeni. Wanga akangebohlwayi ngaloo nto uThixo!
17 INkosi yaba nam, yandomeleza phezu koko. Ndaba nako ukuzishumayela iindaba zayo ezimnandi, abantu beentlanga zonke bephulaphule. Yandihlangula emlonyeni wengonyama.
18 Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini.Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! *Amen.
19 Bulisa kuPriska nakuAkwila, nakusapho lukaOnesiforo.
20 UErasto wasala eKorinte. Yena uTrofimo ndamshiya eMileto kuba wayengaphilanga.
21 Nceda ufike kungekabi sebusika. OoYubhulo noPudens noLino kunye noKlawudiya bayabulisa. Onke amakholwa ayabulisa ngokunjalo.