7 aze kuni nina nitsala nzima, nakuthi, enze kube hele, kube chosi. Loo nto woyenza mhla ifika iNkosi yethu uYesu Krestu, ivela emazulwini, ingqongwe zizithunywa zayo ezinamandla,
8 nangamadangatye omlilo. Abo bangamvumiyo uThixo yobagweba, kwanabo bangazithobeliyo iindaba ezimnandi zeNkosi yethu uYesu.
9 Baya kohlwaywa ngentshabalalo yangonaphakade, basuswe phambi kweNkosi, basikwe kubuncwane bewonga layo.
10 Kaloku ngaloo mini iya kuba ize kunikwa imbeko ngabayo, bayinqule bonke abakholwayo. Iya kuba njalo ke nakuni, kuba nani nakholwa ludaba endaniphathela lona.
11 Yiyo ke le nto ndihlala ndinithandazela. Ndisoloko ndimcela uThixo ukuba anifanelise ubizo lwenu. Wanga anganipha amandla okunqwenela ukwenza okulungileyo, anigqibezelele umsebenzi eniwenze niqhutywa lukholo.
12 Ngamana ke ningalidumisa igama leNkosi yethu uYesu, nani niwongwe ngobabalo lukaThixo wethu neNkosi uYesu Krestu.