4 Ndibhalela uTito, unyana wam ngenene ngokwaselukholweni esidlelana ngalo. Ndithi: Kuwe makube sisisa noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, noKrestu Yesu uMsindisi wethu.
5 Ndakushiya apho eKrete ngenjongo yokuba umise izinto ngendlela efanelekileyo, ngakumbi ke ukuba umisele amadoda amakhulu kuzo zonke iidolophu ngokomyalelo wam kuwe. Yiyo le loo miyalelo:
6 Indoda leyo mayibe ngumntu ongenabala, oyindoda enomfazi omnye, obantwana bakholwayo, bangadumi ngobundlobongela, nentswela-mbeko.
7 Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali,
8 kodwa makabe nobubele, ayithande into entle, abe ngozinzileyo ngengqondo, ongenamkhethe, abe ngozinikeleyo, ezoyisa.
9 Kufuneka ayithande imfundiso yodaba oluthembekileyo, ukuze abanike imfundiso ephilileyo abaphulaphuli, akwazi ukubakhalimela abachasayo.
10 Ngenene baninzi abavukeli abalahlekisa abanye ngemfeketho, ingakumbi abo basuka kwinkolo yobuJuda.