1 Bakhumbuze abantu ukuba yimfanelo yabo ukuthobela abasemagunyeni nabalawulayo, kwakunye nokwenza okulungileyo ngalo lonke ixesha.
2 Baxelele ukuba mabangahambi bethetha ulwimi ngabantu, behamba besilwa, koko mababe nobulali nembeko kuye wonke ubani.
3 Kaloku khumbula ukuba nathi bekhe sazizidenge, sineenkani, silahlekile. Sasibotshwe yiminqweno neziyolo zeendidi zonke. Sasihlala intlalo yasebubini, silawulwa ngumona. Sasicatshukelwa, nathi sibacaphukela abantu.
4 Kodwa kuthe lakuthi tha ehlabathini uthando nobubele bukaThixo, uMsindisi wethu