11 bathi bebonke bavume bengafihlisiukuba uYesu Krestu yiNkosi,bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.
12 Nani ke, zihlobo zam, njengoko nihlala nimthobela uThixo xa ndilapho, nangoku ke kubaluleke ngakumbi ukuba nimthobele nokuba ndikude. Lufezekiseni usindiso enilunikwe nguThixo, ninembeko nentlonipho.
13 Kuba kaloku nguThixo ngokwakhe oninika amandla okuzimisela nokusebenza, ukuze nithobele injongo yakhe.
14 Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana,
15 niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade.Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni,
16 nibanika iindaba zobomi. Xa nenjenjalo ke, noba libhongo lam ngaloo Mini kaKrestu, kuba kaloku kobonakala ukuba andifumananga ndabulaleka elugqatsweni nasemsebenzini.
17 Kodwa nokuba kutheni ndingavuya, nokuba igazi lam lingade liphalazwe njengomnikelo ngenxa yokholo lwenu – kholo olo lulidini enilinikela kuThixo. Ndiyavuya, kunjalonje nani vuyani.