5 Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
6 Izimilo ezinje zizondwa yingqumbo kaThixo.
7 Nani ke ngokuyâ naningekaguquki naniziphethe ngolu hlobo.
8 Kodwa ke ngoku zilumleni kuzo zonke ezi zinto: ingqumbo, iphuku, ububi, ukuthuka, nokuthetha krwada.
9 Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana.
10 Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.
11 Apho ke akusekho mahluko phakathi komGrike nomJuda, owalukileyo nongalukanga, abangaphucukanga nabaphantsi, ikhoboka nokhululekileyo; kuba uKrestu uyinto yonke, ekubo bonke.