9 Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana.
10 Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.
11 Apho ke akusekho mahluko phakathi komGrike nomJuda, owalukileyo nongalukanga, abangaphucukanga nabaphantsi, ikhoboka nokhululekileyo; kuba uKrestu uyinto yonke, ekubo bonke.
12 Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.
13 Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
14 Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.
15 Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.