8 Kwathi ngengomso, amaFilisti eza kubhunyula ababuleweyo, amfumana uSawule noonyana bakhe bewile ezintabeni zaseGilibhowa.
9 Ambhunyula, ayisusa intloko yakhe neentonga zakhe, athumela ezweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba aluxele olu daba lumnandi kwizithixo zabo nasebantwini.
10 Azibeka iintonga zakhe endlwini yezithixo zawo, ukakayi lwakhe alubethelela endlwini kaDagon.
11 Beva bonke abaseYabheshe yaseGiliyadi konke awakwenzayo amaFilisti kuSawule,
12 esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti* eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.
13 Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,
14 akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.