25 Kwathi ke ooDavide, namadoda amakulu akwaSirayeli, nabathetheli bamawaka, baya kuyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova endlwini kaObhedi-edom, bevuya.
26 Kwathi, ekubancedeni kukaThixo abaLevi, bayithwala ityeya yomnqophiso kaYehova, babingelela iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe.
27 Wayambethe ingubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo uDavide, nabaLevi bonke ababethwele ityeya, neemvumi, noKenaniya umphathi wabathwali; ke uDavide wayebhinqe iefodi* yelinen emhlophe.
28 AmaSirayeli onke abeyinyusa ityeya yomnqophiso kaYehova eduma, enesandi sezigodlo, nesamaxilongo, nesamacangci, evakalisa ngemirhubhe nangeehadi.
29 Kwathi ke ekufikeni kwetyeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide, walunguza ngefestile uMikali, intombi kaSawule, wabona ukumkani uDavide esina, eqamba, wamcekisa entliziyweni yakhe.