15 Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.
16 Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?
17 Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethé nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo.
18 Úsaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo.
19 Yehova, ubenzé ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka.
20 Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.
21 Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?